Uyeza! uyeza! umGwebi omkhulu,
Abantu bobona inKosi yezulu;
Babeya kuvuswa kwa semanchwabeni,
Babonakaliswe kwa sekukhanyeni.
Izinto esizibonayo zotShiswa,
Amawa neentaba zonyibilikiswa,
Ilanga locinywa, inyanga yophela,
Abooni abakuba nakuzimela.
UmGwebi wofika nomkhosi omkhulu,
Umkhosi wezaKh' izithunywa zezulu;
Amehlo omGwebi omkhulu obona
Izinto zasese, izinto zokoona.
Abooni boba nelikhulu ivuso,
Bongcangcazelela obaKhe ubuso;
Abangalungile botShatyalaliswa,
Kwa sesihogweni somlilo botShiswa.
Yekani izoono, noyike, nilunge;
Liveni ilizwi lenKosi, nikhunge;
Zithandazeleni, nifun' izibele;
LizeSa kaloku, yizan' anamkele.
Amen.
Поcмотреть все песни артиста
Sanatçının diğer albümleri